Numbers 32:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
waye u‐Mosesi esiti kubo: Ukuba usapo luka‐Gadi nosapo luka‐Rubene luya kuwela nani i‐Yoredane, lwonke luxo̔bele imfazwe, pambi kwoyehova, nokuba liya kweyiswa ilizwe pambi kwenu; niya kwandula nilunike ilizwe le‐Gileyadi libe yimfuyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uMoses kubo, Ukuba oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen bathe bawela nani eYordan, bonke bexhobele imfazwe phambi koYehova, laza leyiswa ilizwe phambi kwenu, nobanika ilizwe laseGiliyadi, ukuba libe lelabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uMoses kubo, Ukuba oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen bawela nani iYordan, boyiswa bonke abaxhobileyo phambi koYehova, loyiswa ilizwe phambi kwenu; wandule ke ubanike ilizwe laseGiliyadi ukuba libe bubutyebi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wathi: “Ukuba amaGadi namaRubhen ayiwelile iJordan, aza alwa kumkhosi kaNdikhoyo, naza ke noyisa nalithimba elo lizwe, ke wona ze niwanike umhlaba waseGiliyadi, ibe sisabelo sawo.