Numbers 32:33 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Mosesi wanika kulo, kwa kulo usapo luka‐Gadi, nakulo usapo luka‐Rubene, nakuso isiqingata sesizwe sika‐Manase unyana ka‐Josefe, ubukumkani buka‐Sihone ukumkani waba‐Amori, nobukumkani buka‐Hogi ukumkani we‐Bashane, ilizwe kunye nezixeko zalo emideni, izixeko zelizwe elingqongayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UMoses wabanika oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen nesiqingatha sesizwe sakwaManase, unyana kaYosefu, ubukumkani bukaSihon ukumkani wama-Amori, nobukumkani bukaOgi ukumkani waseBhashan, ilizwe elo ngokwemizi yalo nemida yalo, imizi yelizwe elo ngeenxa zonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uMoses wabanika oonyana bakaGadi, noonyana bakaRubhen, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, unyana kaYosefu, nobukumkani bukaSihon, ukumkani wama-Amori, nobukumkani bukaOgi ukumkani waseBhashan, nelizwe namadlelo alo, iidolophu ezisemaphandleni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uMosis wabela amaGadi, amaRubhen, nenxalenye yabakwaManase, wonke ummandla kakumkani uSihon wama-Amori, ndawonye nokakumkani uOgi waseBhashan, ngokunjalo needolophu namaphandle awujikelezileyo.