Numbers 32:39 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwasuka usapo luka‐Makire, unyana ka‐Manase, lwaya e‐Gileyadi, lwayibamba, lwagqogqa aba‐Amori ababekuyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baya oonyana bakaMakire, unyana kaManase, eGiliyadi;bayithimba, bawagqogqa ama-Amori abekuyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oonyana bakaMagire, unyana kaManase, baya eGiliyadi, bayithimba, bawagqogqa ama-Amori abekuyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke bona abakwaMakire, unyana kaManase, bahlasela umhlaba waseGiliyadi, bawagxotha ama-Amori awayelapho, baza bema kuwo loo mhlaba.