Numbers 32:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa bebenyukile kwada kwasentilini ye‐Shekole, balikangela elozwe, baza bandwebisa intliziyo yosapo luka‐Sirayeli, ukuze lungayi kwelozwe abelupile lona uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Benyuka bada baya esihlanjeni sakwaEshkoli, balibona ilizwe, bazityhafisa iintliziyo zoonyana bakaSirayeli, ukuba bangayi ezweni abanikayo uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa benyuka baya kwintlambo yomlambo oqukuqelayo wase-Eshkoli baza balibona ilizwe, bazityhafisa iintliziyo zoonyana bakaSirayeli, ukuze bangangeni kwilizwe abanika lona uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bahamba baya kuma ngentili ye-Eshkoli, bawubona lo mhlaba, kodwa bathi bakubuya bawatyhafisa amaSirayeli, khon' ukuze angezi kweli lizwe aliphiweyo nguNdikhoyo.