Numbers 33:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwaza lwanduluka e‐Mara, lwafika e‐Elime: kekaloku kwakuko e‐Elime imitombo yamanzi ilishumi linamibini, nemiti yepalime imashumi asixe̔nxe; lwati waca apo ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Banduluka eMara, bafika e-Elim; kwakukho e-Elim apho imithombo yamanzi elishumi elinamibini, nemithi yesundu engamashumi asixhenxe, bamisa khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Banduluka eMara baya e-Elim, yaye e-Elim kwakukho imithombo yamanzi elishumi elinesibini nemithi yesundu engamashumi amathandathu; bamisa iintente khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukunduluka kwawo apho ke aya kumisa e-Elim, kuba khona kwakukho imithombo yamanzi elishumi elinambini nemithi yesundu engamashumi asixhenxe.