Numbers 34:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wobuya uhle lomda uye ngase‐Yoredane; nokupela kwawo kwoba selwandle olutyuwa. Eli loba lilizwe lenu kunye nemida yalo engqongayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
umda uhle iYordan; ukuphuma kwawo kume ngoLwandle lweTyuwa. Loba lilizwe lenu elo, ngokwemida yalo ngeenxa zonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wehla umda waya eYordan, usiya eLwandle lweTyuwa; loba lilizwe lenu nelizwe lalo ngeenxa zonke kulo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
uze ke wenjenjeya ukuhla ngomlambo iJordan, uye kuthi gaa ngoLwandle oluFileyo. “Yomine ke le yimida yelizwe lenu.”