Numbers 35:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
niya kwandula nizidalele izixeko ezifanelekileyo, e ziya kuba zizixeko zesipepelo kuni, ukuba kusabele kona umbulali, lowo obuleleyo umntu ngesiposo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nozihlelela imizi ibe yimizi yenu yokusabela, abalekele kuyo umbulali obulele umntu ngengozi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
nize nizinyulele ke izixeko eniya kuba zikhululekile; ukuze abalekele khona umbulali lowo ubulele umntu ngengozi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ze nimise iidolophu apho umntu angabalekela khona xa ebulele omnye ngengozi.