Numbers 35:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ezizixeko zitandatu zoba yindawo yokupepela, kwa kulo usapo luka‐Sirayeli, nakuye owasemzini nakuye oliṙanuka pakati kwalo; ukuze kusabele kona osukuba ebulele umntu ngesiposo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Loo mizi mithandathu yoba yeyokusabela koonyana bakaSirayeli, nakumphambukeli, nakundwendwe oluphakathi kwenu, babalekele kuyo bonke ababulele umntu ngengozi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Loo mizi mithandathu yoba yeyokusabela koonyana bakaSirayeli, nakumphambukeli, nakowasemzini ophakathi kwenu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ezi dolophu zoba yindawo yokubalekela kumaSirayeli, kanti nakwiintlanga ezingabangeneleli okanye abemi. Nabani na ke obulele umntu ngengozi woba nokubalekela kwenye yazo.