Numbers 35:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukuba umbetile ngento yesincete, wada wabuba, ungumbulali yena; uya kufiswa ngenyaniso lombulali.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba ubani uthe wambetha umntu ngentsimbi, wafa, ungumbulali; wobulawa afe umbulali lowo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba uthe wambetha umntu ngentsimbi, wafa, ungumbulali; umbulali makabulawe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kambe ke yena umntu obulele omnye esebenzisa isixhobo esiyintsimbi, ilitye, okanye umthi, woba netyala lokubulala, isigwebo sakhe ibe kukubulawa.