Numbers 35:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
umhlaumbi umbetile ngesandla ngobutshaba, wada wabuba; uya kufiswa ngenyaniso umbeti lowo; ungumbulali yena: umpindezeli wegazi uya kumfisa lombulali, akufumanana naye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nokuba uthe wambetha ngesandla sakhe ngobutshaba, wafa:makabulawe afe lowo umbethileyo; ungumbulali yena. Umphindezeli wegazi wombulala umbulali lowo akuqubisana naye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Okanye umbethe ngobutshaba ngesandla, wafa; ombethileyo wobulawa afe; ngokuba ungumbulali lowo; umphindezeli wegazi wombulala umbulali lowo, akuqubisana naye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
noba kukumbetha ngamanqindi, loo mntu unetyala lokubulala, makabulawe. Uxaduva lokubulala eso sigwinta loba kwisizalwana esingumphindezeli womfi lowo; ngoko ke masisibulale apho sisifumene khona.