Numbers 35:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba ange ehleli esixekweni sesipepelo sake, kwada kwafa umperisite omkulu. Kodwa emveni kwokufa kwomperisite omkulu umbulali angabuyela elizweni lemfuyo yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba ange ehleli emzini wokusabela kwakhe, kwada kwafa umbingeleli omkhulu. Ke emveni kukufa kombingeleli omkhulu, umbulali wobuyela emhlabeni wenzuzo yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ngokuba wathanda ukuhlala emzini wakhe omkhulu, kwada kwafa umbingeleli omkhulu; kodwa emva kokufa kombingeleli omkhulu umbulali wobuyela emhlabeni welifa lakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Loo mntu ubuleleyo makahlale apho kuloo dolophu yokuphephela kude kufe umbingeleli omkhulu; emva koko ke angagoduka.