Numbers 35:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Boba nezixeko ezo ukuba bahlale kuzo; nenqele zazo zoba zezenkomo zabo, nezempahla yabo, nezazo zonke izilo zabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Imizi yabo yoba yeyokuhlala, amadlelo ayo abe ngaweenkomo zabo, nempahla yabo, nento yabo yonke ephilileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baya kuba nemizi yokuhlala; amadlelo abo abe ngaweenkomo zabo, naweenkomo zabo, nawempahla yabo yonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zona ke zoba zezabaLevi, bahlale kuzo. Ke wona amadlelo oba ngawemfuyo yabo.