Numbers 35:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Osukuba ebulala umntu, umbulali lowo uya kufiswa ngomlomo wamanqi̔na; kodwa inqi̔na linye aliyi kunqi̔na ngasemntwini, ukuba afe ngalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonke ababulele umntu, makabulawe umbulali lowo ngomlomo wamangqina; kodwa ingqina lilinye aliyikungqina ngomntu afe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Othe wabulala umntu, wobulawa umbulali lowo ngomlomo wamangqina; ke linye ingqina alinakungqina ngomntu ukuba ambulale.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Umntu otyholwa ngokubulala angáfunyanwa enetyala aze abulawe kuphela xa kukho amangqina; ke lona ingqina elinye alanele ukuxhasa isityholo sombulali.