Numbers 35:33 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo aniyi kudyoba ilizwe enikulo: ngokuba ligazi elidyoba ilizwe; kanjako akungexoliselwe ilizwe ngenxa yegazi elipaleleyo kulo, kupela ngegazi lalowo owalipalazayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ize ningalihlambeli ilizwe enikulo, kuba ligazi elihlambela ilizwe. Ilizwe ke alinakucanyagushelwa ngenxa yegazi eliphalaziweyo kulo, kungengagazi lowaliphalazayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ize ningalihlambeli ilizwe enikulo, kuba igazi liyalihlambela ilizwe; nomhlaba awunakuhlanjululwa ngenxa yegazi eliphalazwe kuwo, ukuba kungengagazi lalowo uliphalazayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ze ningalifaki *umlaza ilizwe lakowenu. Kaloku ubugwinta buyalingcolisa ilizwe. Ibe ke ucamagushelo alunakwenzelwa ilizwe ekuphalazwe igazi kulo, ngaphandle kokuba kuphalazwe igazi lesigwinta eso.