Numbers 35:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Napakati kwezixeko eniya kuzinika kuba‐Levi kwobako izixeko zesipepelo ezitandatu, eniya kuzinika ukuba kusabele kona umbulali; napezu kwazo ezi niya kunika izixeko ezingamashumi mane enazibini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Imizi eniya kuyinika abaLevi yoba nemizi emithandathu yokusabela, enobanika ukuba abalekele kuyo umbulali, kuleyo nongeze imizi engamashumi amane anambini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Imizi eniya kuyinika abaLevi yoba nemizi emithathu yokusabela, noyinika lowo unibuleleyo, abalekele kuyo; nokongeza kuyo imizi engamashumi amane anesibini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AbaLevi ze nibanike iidolophu zibe ntandathu, apho umntu angabalekela khona xa abulele omnye ngengozi. Ngaphezu koko ke banikeni ezinye iidolophu zibe ngamashumi amane anambini