Numbers 35:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nezixeko eniya kuzinika zivela kwimfuyo yosapo luka‐Sirayeli, abo banezininzi niya kutabata kubo ezininzi, nabo banezincinane niya kutabata kubo ezincinane; abanye ngabanye, ngokwelifa labo balidlayo, bonika ezixekweni zabo kuba‐Levi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Imizi enobanika enzuzweni yoonyana bakaSirayeli noyenza mininzi kwesininzi, niyenze mincinane kwesincinane; eso isizwe, ngokomlinganiso welifa laso esiya kulidla, sobanika abaLevi emizini yaso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Izixeko eniya kuzithabatha kwilifa loonyana bakaSirayeli; mnikeni into eninzi; kodwa kwabancinane, nize nibanike kancinane; ngasinye ezixekweni zaso siya kubanika abaLevi ngokwelifa laso, esidle ilifa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Inani leedolophu ezinikwa abaLevi kwindlu nganye loxhomekeka kubungakanani bomhlaba waloo ndlu. Kweneedolophu ezininzi phungula kakhulu; kweneedolophu ezimbalwa phungula kancinci.”