Numbers 36:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni kuya kubako umnyaka womgcobo elusatsheni luka‐Sirayeli, ilifa lazo liya kwongezelelwa elifeni lesosizwe eziya kuba pakati kwaso; kuze kususwe ke ilifa lazo elifeni lesizwe sobawo betu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba uthe wafika umnyaka wakuhlokomisa ngesigodlo koonyana bakaSirayeli, losuka longezelelwe ilifalazo kwilifa lezizwe eziya kuba kuso, lincitshiswe ilifa lesizwe soobawo lilifa lazo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekufikeni konyaka weNtlokoma woonyana bakaSirayeli, limele longezelelwe ilifa labo kwilifa lesizwe abasiwa kuso; ke ngoko, ilifa labo liya kushenxiswa kwilifa lesizwe soobawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngonyaka wobuyiselo xa yonke imihlaba ebithengiwe ibuyiselwa kubanini bayo bamandulo, imihlaba yeentombi zikaZelofehadi ibuyela kwezo zindlu zendele kuzo; ngaloo ndlela ke uyancipha umhlaba olilifa lakowethu.”