Numbers 36:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lilo eli ilizwi aliyaleleyo uyehova ngazo intombi zika‐Tselofehadi, lokuti: Mazibe ngabafazi kwabalungileyo emehlweni azo; kupela esizalwaneni sesizwe soyise wazo ziya kuba ngabafazi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Lilo eli ilizwi alenze umthetho uYehova ezintombini zikaTselofehadi: uthi, Mazendele kulowo zimthandileyo, kodwa mazendele emzalwaneni wesizwe sikayise;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lilo eli ilizwi awaliwisela umthetho uYehova ngeentombi zikaTselofehadi, wathi, Mazende kwabasukuba kufanelekile; mabatshate kumlibo kayise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uNdikhoyo uthi: ‘Iintombi zikaZelofehadi zikhululekile ukuba zendele nakubani na, kodwa ke kube kwakule ndlu yakowazo.