Numbers 36:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo aliyi kujikiswa ilifa losapo luka‐Sirayeli kwisizwe ngesizwe: ngokuba usapo luka‐Sirayeli olunye ngolunye luya kunamatela elifeni lesizwe soyise balo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuze lingashenxi ilifa loonyana bakaSirayeli, lisuke kwesinye isizwe, liye kwesinye isizwe. Ngokuba baya kunamathela oonyana bakaSirayeli elowo elifeni lesizwe sooyise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ilifa loonyana bakaSirayeli alifanele lidlule kwesinye isizukulwana liye kwesinye, kuba oonyana bakaSirayeli bafanele bagcine elowo elifeni lesizukulwana sooyise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umhlaba olilifa lendlu yakwaSirayeli mawungadluleli kwizindlu ngezindlu. Umhlaba womSirayeli ngamnye kufuneka uhlale ungowaloo ndlu azalwa kuyo nanini na.