Numbers 36:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo ilifa aliyi kujikiswa kwesinye isizwe ukuya kwesinye: ngokuba izizwe zosapo luka‐Sirayeli ezinye ngezinye ziya kunamatela kwawazo amafa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuze lingashenxi ilifa esizweni, liyesizweni simbi, kuba izizwe zoonyana bakaSirayeli ziya kunamathela eso elifeni laso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ilifa aliyi kuphuma kwesinye isizukulwana liye kwesinye; kodwa sonke isizwe soonyana bakaSirayeli siya kuzigcina elifeni laso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ungaze uphuncuke uye ndlwini yimbi. Umhlaba wendlu nganye uya kuhlala ungowaloo ndlu nanini na.’ ”