Numbers 4:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Boti bakuba begqibile u‐Arone nonyana bake ukugubungela eyingcwele indawo, nazo zonke impahla zeyingcwele indawo, ekundulukeni kwomnquba; emveni kwoko, baya kuza onyana baka‐Kohati ukuza kutwala: kodwa mabangayicukumisi leyo nto ingcwele, hleze bafe. Ezi zinto zingumtwalo wonyana baka‐Kohati ententeni yentlangano.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
bagqibe ooAron noonyana bakhe ukuyigubungela ingcwele nempahla yonke yengcwele ekundulukeni komkhosi eminqubeni.Emveni koko ke boza kuthwala oonyana bakaKehati;bangayichukumisi ingcwele, hleze bafe. Nguwo lowo umthwalo woonyana bakaKehati ententeni yokuhlangana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emveni kokuba uAron noonyana bakhe begqibile ukuyigubungela ingcwele nempahla yonke yengcwele ekunyukeni kwabo eminqubeni; Emveni koko boza oonyana bakaKehati, bayithwale; yaye abazange bachukumise nantoni na engcwele, ukuze bangafi. Ezo zinto ngumthwalo woonyana bakaKehati ententeni yokuhlangana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngexesha lokuhamba ke kuya kuthi xa uAron noonyana bakhe sebegqibile ukuzisonga nokuziqoqosha zonke ezi zinto zingcwele, beze abakwaKohati, bazokuzithatha baziphathe. Kodwa ke mabangazichukumisi, hleze bafe. “Lo msebenzi wokuthwala impahla yesibingelelo ngumsebenzi wamaKohati nanini na xa kufudukwa.