Numbers 4:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
abaminyaka ingamashumi matatu nabapezulu, kwa kude kube ngabaminyaka ingamashumi mahlanu, ubudala babo, bonke abangenayo kobubukonzo, ukuba bawenze umsebenzi ententeni yentlangano.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
uthabathele kominyaka imashumi mathathu ezelwe, unyuse, use kominyaka imashumi mahlanu ezelwe: labo bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba benze umsebenzi ententeni yokuhlangana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe, bonke abeza umkhosi ukuba basebenze ententeni yokuhlangana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi mababhalise onke amadoda akubudala obungamashumi amathathu ukuya kumashumi amahlanu eminyaka, onke awayefanelekile ukuba angasebenza *esibingelelweni.