Numbers 4:34 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bati u‐Mosesi, no‐Arone, nenkosi zentlanganiso, babala onyana bama‐Kohati, ngezizalwane zabo, nangendlu zoyise zabo,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
OoMoses noAron nezikhulu zebandla bababala ke oonyana bakaKehati ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uMoses noAron neentloko zebandla bababala oonyana bakaHeti ngokwezindlu zabo, ngokwezindlu zooyise,
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngokomlomo *kaNdikhoyo uMosis, uAron, neenkokheli zamaSirayeli babala abaLevi bakwaKohati, abakwaGershon, nabakwaMerari. Bababhalisa ngokwezindlu nemizi yabo, bebhalisa onke amadoda akubudala bamashumi amathathu ukuya kumashumi amahlanu eminyaka. Babhalisa onke amadoda awayefanelekile ukuba angasebenza *esibingelelweni. Bawabala ngolu hlobo: Indlu Inani AbakwaKohati 2 750 AbakwaGershon 2 630 AbakwaMerari 3 200 Bebonke: 8 580