Numbers 5:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye umperisite eya kumfungisa, ati emfazini: Ukuba akulalanga ndoda nawe, nokuba akupambukelanga ekunco̔leni upantsi kweyako indoda, yiba ukululeka kulamanzi aṙaṙa asenzayo isiqalekiso:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
umbingeleli amfungise, athi kumfazi, Ukuba akuthanga kulale ndoda nawe, nokuba akuthanga unxaxhele ebunqambini, unendoda yakho, yiba msulwa kula manzi obukrakra esiqalekiso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
amfungise umbingeleli, athi kumfazi, Ukuba anithanga walala nawe, ukuba akuthanga wazenza inqambi ngendoda yakho esikhundleni sendoda yakho, woba ukhululekile kula manzi akrakra esiqalekiso.”
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umbingeleli ke uya kumfungisa umfazi lowo esithi: ‘Ukuba kuthe kanti awukhange ube nanto yakwenza nandoda yimbi, uza kuba msulwa kwishwangusha eliziswa ngala manzi.