Numbers 5:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akuba selemsezile amanzi lawo, kuya kuti, ukuba unco̔lisiwe, nokuba enzile ngobumenemene ngakuyo indoda yake, aya kwandula angene kuye lamanzi asenzayo isiqalekiso, abe buṙaṙa, siti isisu sake sidumbe, netanga lake linqi̔ne: waye lomfazi eya kuba sisiqalekiswa pakati kwabantu bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Emsezile amanzi lawo, kothi ukuba ubezenze inqambi, wayimenezela indoda yakhe, angene kuye amanzi esiqalekiso abe bubukrakra, sidumbe isisu sakhe, lintshwenye ithanga lakhe, lo mfazi abe sisishwabulo phakathi kwabantu bakowabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba uthe wamgalela loo manzi, ukuba uthe wazenza inqambi, yakrexeza indoda yakhe, angene kuye amanzi esiqalekiso, amcaphukise, isisu sakhe sidumbe, ubole umlambo wakhe; abe sisiqalekiso umfazi phakathi kwabantu bakowabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba ke kuthe kanti ngenene umfazi lowo ukrexezile, amanzi lawo aya kumtsho abe namahlaba, abe negalimoya, okanye aphume isisu. Ewe, woba ngoqalekisiweyo phakathi kwamawabo.