Numbers 5:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Teta elusatsheni luka‐Sirayeli, usiti: Indoda umhlaumbi umfazi xeshekweni baya kwenza ngaso esinye isono sabantu, begqita ngesigqito ngakuye uyehova, ade abe netyala umpefumlo lowo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Indoda nokuba yinkazana, xa bathe benza isono kwizono zonke zoluntu, ngokuthi bameneze kuYehova, yazeka ityala ke loo miphefumlo,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Indoda nokuba yinkazana, xa athe wona umntu, wonile kuYehova, ube netyala loo mntu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
le miyalelo, wathi makayigqithisele kumaSirayeli, athi: “Nabani na, indoda okanye ibhinqa, obonakalisa ukunganyaniseki kuNdikhoyo ngokona omnye,