Numbers 5:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukuba umntu lowo akanaye osisalamane, ukuze kubuyekezelwe ityala kuye, maliti elotyala libuyekezelwe kuyehova, kumperisite; ngapandle kwenkunzi yegusha yokuxolisa, ekuya kumxoliselwa ngayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba umntu lowo uthe akaba namzalwana kungahlawulwa kuye ukuhlamba ityala, ityala elo malihlawulelwe uYehova, kumbingeleli, ngaphandle kwenkunzi yemvu yokucamagusha, aya kucanyagushelwa ngayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba indoda leyo ithe ayinamphindezeli wegazi, lophindezelwa ityala elo kuYehova, kumbingeleli; ngenkunzi yemvu yokucamagushela isono, amcamagushele ngayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke ukuba umntu lowo akasekho, ibe ke kungekho nesalamane ekungahlawulwa kuso, kofuneka inikezelwe kuNdikhoyo, ibe yeyombingeleli. Le ntlawulo ke yongeza kulaa nkunzi yegusha kwenziwa ngayo idini lokucamagushela loo mntu unetyala.