Numbers 6:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo wobuya ayahlulele kuyehova imihla yobunaziri bake, azise imvana yomnyaka mnye ibe lidini letyala; kanti imihla yamatanci iya kumlahleka, ngokuba bunco̔lisiwe ubunaziri bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Woyahlulela kuYehova imihla yokuzahlula kwakhe, azise imvana emnyaka mnye, ibe lidini letyala. Ke imihla yangaphambili ize ingabalwa, ngokuba kwaba yinqambi ukuzahlula kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Woyingcwalisa kuYehova imihla yemibingelelo yakhe, azise imvana emnyaka mnye, ibe lidini letyala;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
azinikele ngokutsha ukuba abe lilolo likaNdikhoyo kangangesifungo eso. Intlawulo uya kuyenza ngokukhupha ixhwane lokwenza idini lesono. Elaa thuba lingaphambili ke, alichithe selelilolo, lilahlekile, kuba kaloku iinwele zakhe zigqwalisekile.