Numbers 6:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Teta nosapo luka‐Sirayeli, uti kulo: Xeshekweni oyindoda umhlaumbi umfazi aya kwahlukanisa into yokubambisa ngesibambiso somnaziri, sokuba azahlulele kuyehova:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Indoda, nokuba yinkazana, xa ithe yazibalulela esibhambathisweni, esibhambathisweni sozahlulileyo, ezahlulela kuYehova,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa indoda nenkazana ithe yazahlula, yenza isifungo somNaziri, ukunyula uYehova;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wathi makayalele amaSirayeli, athi: “Nabani na, indoda okanye ibhinqa, owenza isifungo esisodwa sokuba abe *lilolo likaNdikhoyo, kuba efuna ukuba ngokaNdikhoyo qwaba,