Numbers 6:7 — Compare Translations
3 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uyise nonina, umninawe wake nodade wake, akayi kuzinco̔lisa ngenxa yabo, bakububa; ngokuba ubunaziri botixo wake bupezu kwentloko yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
angazenzi nqambi ngoyise nangonina, ngomzalwana wakhe nangodade wabo, ekufeni kwabo; ngokuba imbasa yoThixo wakhe iphezu kwentloko yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Makangazenzi inqambi ngoyise okanye ngonina okanye ngomntakwabo okanye udade wabo xa bathe bafa, kuba ubungcwele boThixo wakhe buphezu kwentloko yakhe.