Numbers 6:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni ofileyo wafayo ngakuye ngebaqo kamsinyane, waza wanco̔lisa intloko yobunaziri bake, uya kwandula agugule intloko yake ngomhla wokucokiswa kwake; ngowesixe̔nxe umhla woyigugula.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa kuthe kwafa ubani ngakuye ngephanyazo ngesiquphe, wayenza inqambi intloko yokuzahlula kwakhe, woyicheba intloko yakhe ngomhla wokuhlanjululwa kwakhe, ayichebe ngomhla wesixhenxe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba uthe ubani uthe wafa kwaoko ngenxa yakhe, wayenza inqambi intloko yakhe; woyicheba intloko yakhe ngomhla wokuhlanjululwa kwakhe; woyicheba ngomhla wesixhenxe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa kwenzekile ukuba lowo ulilolo agqwaliseke ngokuba kufuphi nomntu osuke wafa ngebhaqo, kofuneka azigugule iinwele neendevu zakhe ngosuku lwesixhenxe, ukuze *ahlambuluke.