Numbers 8:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba bona begqityelwe ukunikwa kum pakati kwosapo luka‐Sirayeli; esikundleni sabo bonke ekuzityulwa ngabo, samazibulo alo lwonke usapo luka‐Sirayeli, ndizitabatele bona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba ndibanikiwe ndabanikwa phakathi koonyana bakaSirayeli, ndabathabathela kum esikhundleni sabo bonke abavula isizalo, amazibulo onke koonyana bakaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba ndanikwa mna phakathi koonyana bakaSirayeli; esikhundleni sabo bavula zonke izizalo zonina, esikhundleni samazibulo onke koonyana bakaSirayeli, ndabathabathela mna.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuwo onke amaSirayeli abaLevi ngabam ncakasana, kuba ndibanga bona endaweni yoonyana bamazibulo bamaSirayeli.