Numbers 8:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo ndibanikile aba‐Levi, abanikiweyo ku‐Arone nakonyana bake kwa pakati kwosapo luka‐Sirayeli, ukuyenza inkonzo yosapo luka‐Sirayeli ententeni yentlangano, nokwenzela usapo luka‐Sirayeli uxoliso, ukuba kungabiko pakati kwosapo luka‐Sirayeli isibulalo, lwakusondela usapo luka‐Sirayeli kweyingcwele indawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
AbaLevi ke ndibanike ndabanika uAron noonyana bakhe phakathi koonyana bakaSirayeli, ukuba basebenze umsebenzi woonyana bakaSirayeli ententeni yokuhlangana, babacamagushele oonyana bakaSirayeli, ukuzekungabikho sibetho phakathi koonyana bakaSirayeli ekusondeleni koonyana bakaSirayeli engcweleni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
AbaLevi ndabanikela ukuba babe sisipho kuAron noonyana bakhe phakathi koonyana bakaSirayeli, ukuba balungiselele oonyana bakaSirayeli ententeni yokuhlangana, bacamagushele izono zoonyana bakaSirayeli akukho sihlwayo phakathi koonyana bakaSirayeli, ekusondeleni koonyana bakaSirayeli engcweleni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
abaLevi aba ndiwabeka phantsi koAron noonyana bakhe, bangumnikelo wamaSirayeli esibingelelweni, khon' ukuze babuse bangxengxeze, amaSirayeli angehlelwa sisibetho ebesingawehlelayo xa asondele esibingelelweni.”