Numbers 8:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nasemveni kwoku bangena aba‐Levi ukuya kuyenza inkonzo yabo ententeni yentlangano, ebusweni buka‐Arone, nasebusweni bonyana bake; njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi pezu kwaba‐Levi, benje njalo kubo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Emveni koko bangena abaLevi, ukuba basebenze umsebenzi wabo ententeni yokuhlangana, phambi koAron naphambi koonyana bakhe.Njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses ngabaLevi, benjenjalo kubo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva koko bangena abaLevi ukuze basebenze umsebenzi wabo ententeni yokuhlangana phambi koAron naphambi koonyana bakhe; njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses ngenxa yabaLevi, benjenjalo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mayela nabaLevi amaSirayeli alungisa konke ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis. Baba ke ngoko ngolu hlobo abaLevi bafikelele kwibanga lokubusa esibingelelweni phantsi koAron noonyana bakhe.