Numbers 8:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
koko eya kukonza nabazalwana bake ententeni yentlangano, ukuba kugcinwe isigcinelo; kodwa umsebenzi abasayi kuwenza. Kunjengokunjalo uya kwenza kuba‐Levi ngako ukugcina kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke mabasebelungiselela abazalwana babo ententeni yokuhlangana, ngokuthi bagcine isigxina, bangasebenzi msebenzi.Uya kwenjenjalo kubaLevi ezigxineni zabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa bafanele basebenze kunye nabazalwana babo ententeni yokuhlangana ukuba bagcine inkonzo, bangenzi nawuphi na umsebenzi wakukhonza. Uze wenjenjalo kubaLevi ngokwesiko aya kuniwisela umthetho ngako.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Phofu ke angákhe aqhube encedisa oogxa bakhe, kodwa ke yena siqu engenamsebenzi uthe ngxishi. Nantso ke indlela baya kusebenza ngayo abaLevi.”