Numbers 9:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Teta nosapo luka‐Sirayeli, usiti: Xeshekweni umntu wakuni, umhlaumbi wakuzo izizukulwana zenu, anco̔lile ngenxa yomzimba ofileyo, umhlaumbi usekuhambeni okukude, uya kubamba ipasika noko kuyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Umntu ngomntu, xa athe wayinqambi ngofileyo, mhlawumbi waseluhambeni ehambele kude, engowakuni, nokuba ngowezizukulwana zenu, woyenza ipasika kuYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Umntu ngomntu ongowembewu yenu, xa athe wazenza inqambi ngofileyo, nokuba uthe wathabathe uhambo olude, woyenza ipasika, ukumzukisa uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xelela amaSirayeli ukuba xa omnye wawo okanye intsapho igqwaliseke kukuphatha isidumbu, okanye ekude eluhambeni, usenako ukuwubhiyozela umhla wePasika.