Numbers 9:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nomntu ongococekileyo, engabi sekuhambeni, oya kuyeka ukubamba ipasika, uya kunqanyulwa umpefumlo lowc ebantwini bawo: ngenxa yokuba umnikelo kayehova engawunikelanga ngelimisiweyo ixesha lawo, uya kutwala isono sake lowamntu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke umntu lowo uhlambulukileyo yena, ungekhona eluhambeni, ethe wayeka ukuyenza ipasika, loo mphefumlo wonqanyulwa, ungabikho ebantwini bakowawo; ngokuba akawusondezanga umsondezo kaYehova ngexesha lawo elimisiweyo. Loo mntu wosithwala isono sakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke yena umntu ohlambulukileyo, ongekho eluhambeni, othe akayibhiyozeli ipasika, loo mphefumlo wonqanyulwa, ungabikho ebandleni, ngokuba akawusondezanga umbingelelo kaYehova ngexesha elimisiweyo, wowuhlawula lowo isono sakhe sinxibe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nabani na ke ongenasizathu, futhi engekho luhambeni, aze angawubhiyozeli lo mhla, uya kusikwa kumaSirayeli, kuba enganikelanga ngedini lePasika kuNdikhoyo ngexesha elimisiweyo. Uya kohlwaywa ngesono sakhe.