Numbers 9:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni kupambukele kuni owasemzini, oya kubamba ipasika kuyehova: njengommiselo wepasika, nanjengesiko layo, kwa njalo uya kuyibamba: ummiselo okwa mnye woba kuni, nakowasemzini nakozelweyo elizweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umphambukeli, xa athe waphambukela kuni, woyenza ipasika kuYehova; ngokommiselo wepasika nangokwesiko layo woyenjenjalo;ummiselo woba mnye kuni, nakumphambukeli, nakozalelwe kulo ilizwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Njengokuphambukela kuni ophambukele phakathi kwenu, wenza ipasika ekumzukiseni uYehova; Ukwenjenjalo ke uya kwenza ngokommiselo wepasika nangokwesiko layo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ukuba owasemzini ophakathi kwenu ufuna ukuba nenxaxheba kulo mbhiyozo wePasika, uvumelekile, kodwa yonke into makayenze ngokwemimiselo nemigaqo. Wonke umntu wohamba kwangalo mthetho, noba ngumngeneleli okanye ngowothuthu.”