Numbers 9:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwati kwakunyuswa ilifu ententeni, lwandula emveni kwoko lwanduluka usapo luka‐Sirayeli; nasendaweni apo lahlala kona ilifu, kwa kona lwati waca usapo luka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kube kusithi, linganyuka ilifu lisuke phezu kwentente, emveni koko banduluke oonyana bakaSirayeli; kuthi endaweni elithe zinzi kuyo ilifu, bamise iintente khona oonyana bakaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, lakunyuka ilifu phezu komnquba, basuke balandele oonyana bakaSirayeli; yaye kwindawo elihlala kuyo ilifu oonyana bakaSirayeli bamisa iintente zabo khona kanye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaSirayeli ayesithi lakuzisonga liphakame ilifu elo, afuduke, aze aye kumisa apho lihle lafukama khona.