Numbers 9:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, lakuba ilifu libe liyimihla emincinane pezu kwetabanakele; ngelizwi likayehova lwati waca, nangelizwi likayehova lwanduluka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, lakubakho ilifu phezu komnquba nokuba yimihla embalwa, basigcina isigxina sikaYehova, abanduluka. Ngokomlomo kaYehova bamisa, ngokomlomo kaYehova banduluka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lathi, lakubuya ilifu phezu komnquba nokuba yimihla embalwa, basigcina isigxina sikaYehova, abanduluka. Ngokomlomo kaYehova bahlala ezintenteni zabo, ngokomlomo kaYehova banduluka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Maxa wambi ke eli lifu lalihlala nje ithuba leentsukwana, libuye liphakame; kambe ke nakuyiphi na imeko wona amaSirayeli ayehamba okanye ahlale ngokwelizwi likaNdikhoyo.