Numbers 9:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nokuba bekuyimihla mibini, nokuba bekuyinyanga, nokuba bekungumnyaka, kwalibalayo ilifu pezu kwetabanakele, lihleli pezu kwayo, lwati waca usapo luka‐Sirayeli, lunganduluki nje; koko lakunyuswa, lwanduluka ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nokuba yimihla emibini, nokuba yinyanga, nokuba yimihla ethile ukolula kwelifu phezu komnquba, ukuthi zinzi kwalo phezu kwawo, bamisa oonyana bakaSirayeli, abanduluka; ekunyukeni kwalo ke banduluka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nokuba ilifu lihleli phezu komnquba iintsuku ezimbini, nokuba yinyanga, nokuba ngumnyaka, ukuthi lihlale phezu kwawo, bamisa oonyana bakaSirayeli, abanduluka; lakuba ke lavuka, bahamba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, nokuba lihleli iintsuku ezimbini, inyanga, nonyaka, kanti naxa lihleli ngaphezu kwelo thuba, oko nje lifukamile apho esibingelelweni, ayelilinda, aze ahambe lakucombuluka.