Numbers 9:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku kwaye kuko amadoda atile, abe enco̔lile ngenxa yomzimba ofileyo womntu, ukuba ebekohliwe ukubamba ipasika ngalomhla; ngako asondela ebusweni buka‐Mosesi, nasebusweni buka‐Arone, ngalomhla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kwakukho amadoda awayethe azenza iinqambi ngomntu ofileyo, akaba nako ukuyenza ipasika ngaloo mhla. Asondela phambi koMoses naphambi koAron ngaloo mhla;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwakukho amadoda athile awayedyobhekile sisidumbu somntu, kangangokuba ayengenakuyenza ipasika ngaloo mini; bakhokela phambi koMoses noAron ngaloo mini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kanti ke kwabakho bantu bathile *babegqwaliswe kukuphatha isidumbu. Bona ke zange babe nako ukuthatha nxaxheba apho kuloo mbhiyozo ngaloo mini. Baya kuzixela kuMosis noAron,