Obadiah 1:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenxa yobudlwengu obenzelwa umninawe wako u‐Yakobi, ihlazo lokugubungela, wauya kunqanyulwa kude kube ngunapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa yokumgonyamela kwakho umninawa wakho uYakobi, kuya kukugubungela ukudana, unqanyulwe ngonaphakade.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa yokumgonyamela kwakho umntakwenu uYakobi, uya kukugubungela, utshatyalaliswe ukusa kwixesha elingenammiselo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenxa yobundlobongela obenze kumntakwenu, nditsho umninawe wakho onguYakobi, ihlazo liya kukugubungela, utshatyalaliswe ngonaphakade.”