Obadiah 1:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ngeungabonelanga emhleni womninawe wako, emhleni welishwa lake; waunge ungavuyelanga usapo luka‐Juda, emhleni wembujiswa yalo; kanjalo ngeungatetanga nger̔atshi, emhleni wobunzima.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Musa ukukhangela kwimini yomninawa wakho ngemini yeshwangusha lakhe, ungabavuyeleli oonyana bakaYuda ngemini yenkxwaleko yabo; ungasineki ngemini yembandezelo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bekungafanelanga uyikhangele imini yomninawa wakho, mhla waba ngumphambukeli; yaye ubungafanelanga ube nemihlali ngoonyana bakaYuda ngemini yokutshatyalaliswa kwabo; Ungathethi ngokuzidla ngemini yembandezelo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akwaba ubungamdelanga umntakwenu, nditsho ngemini yakhe yelishwa. Akwaba ubungagcobanga ngenxa kaJuda ngemini yakhe yentshabalalo. Akwaba ubungaqholosanga mhla lalibhek' umoya kuye.