Obadiah 1:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba umhla kayehova ukufupi ngakuzo zonke izizwe; njengoko ukwenzileyo, kuya kwenziwa kuwe; impindezelo yako yobuyela pezu kweyako intloko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba isondele imini kaYehova kuzo zonke iintlanga.Njengoko wenze ngako, kuya kwenjiwa njalo kuwe; okwenzileyo kuya kubuyela entlokweni yakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba isondele imini kaYehova kuzo zonke iintlanga; njengoko wenze ngako, kuya kwenjiwa njalo kuwe; umvuzo wakho uya kubuyela entlokweni yakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ewe, kuzo zonke izizwe imini *kaNdikhoyo isondele. Loo nto uyenzileyo, wena Edom, iya kubuya yenziwe nakuwe; isikhuni siya kubuya nomkhwezeli.