Obadiah 1:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba ebeze kuwe amasela, ukuba ebeze amanyangaza ebusuku, (hai ukubujiswa kwako!) ebengayi kukuba̔ na oko kuwaneleyo? ukuba bebeze kuwe abavuni bedreyive, bebengayi kuzisalisa imbikico na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba amasela ebethe eza kuwe, ukuba amanyangaza ebethe eza ebusuku (hayi, ukunqunyulwa kwakho!), ebengayi kuba anele na?Ukuba babethe beza kuwe abavuni beediliya, babengayi kushiya okungabhikicwayo na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba amasela ebethe eza kuwe njengamasela ebusuku (hayi, ukunqunyulwa kwakho!), ebengayi kuba anele na? Ukuba abalimi bezidiliya bafike kuwe, babengayi kuzishiya na iidiliya?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa ufikelwe ngamasela, ewe, nokuba zizihange ebusuku, aya kûba kangangoko anako, akushiyele kodwa. Nabavuni beediliya bavuna bagqibe, kushiyeke umkhwahlazo. Kodwa eyakho intshabalalo iya kugqithisa.