Obadiah 1:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bonke abebetelelene nawe bakugxotele emdeni; abo abebexolene nawe bakukohlisile, bakweyisile: abadlayo isonka sako bakubekele umgibe: akuko ukuqonda kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Onke amadoda abenqophisene nawe akukhaphile, ada esa emdeni;akulukuhlile, akweyisile amadoda abexolelene nawe. Isonka sakho asenze inxeba okulalwa ngalo, phantsi kwakho. Akukho kuqonda kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Onke amadoda omnqophiso wakho akufikise emdeni; amadoda abehleli nawe eluxolweni anilukuhla, akoyisa; abadla isonka sakho babeka inxeba phantsi kwakho; akukho ukuqonda kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Oogxa bakho bokududulela emideni. Izihlobo zokukhohlisa utsho woyisakale. Abo ubusidla kunye nabo bokugcayisela, kodwa sobe uyiqonde loo nto.”