Philemon 1:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
engasenjengekonza, koko epezulu kwikonza, engumzalwana otandiweyo, kakulu ke kum, kodwa kangakananina ngakumbi kuwe, nasenyameni na senkosini?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
engasenjengekhoboka, esuke wangaphezu kwekhoboka, engumzalwana oyintanda, ngokukodwa kum; kubeke phi na ke kuwe, ngokwenyama nangokweNkosi?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Engasenjengekhoboka, esuke wangaphezu kwekhoboka, engumzalwana oyintanda, ngokukodwa kum; kubeke phi na ke kuwe, ngokwenyama nangokweNkosi?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku ngoku akaselokhoboka nje kuphela, ungaphezu kwekhoboka: ungumwethu othandekayo. Yaz'ba xa exabiseke kangaka nje kum, ubeke phi ke ukuxabiseka kuwe! Akaselokhoboka nje kuphela, ukwangumwethu omanywe neNkosi!