Philippians 1:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
abanye ke bayashumayela u‐Kristu ngenkani, beng enzi ngendawo engcwengileyo, beba baya kwongezelela ubunzima emibanjweni yam;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abeyelenqe abo bamazisa uKristu ngokungenyulu, beba baya kongezelela imbandezelo kwiintambo zam;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abanye bamvakalisa uKristu ngeyelenqe, benganyanisekanga, beba baya kongezelela imbandezelo kwiintambo zam;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abo ke baqhutywa luthando, kuba bayazi ukuba uThixo undiphathise umsebenzi wokukhusela udaba olungoKrestu. Kodwa abanye aba bona uKrestu abamshumayeli benyanisekile, koko bamshumayela ngomoya wokuzigwagwisa, becinga ukuba bangandivusela inkathazo engaphezulu ngoku ndibanjiweyo kakade.