Philippians 1:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yinto nina pofu? noko ngendawo zonke, nokuba kungokuzenzisa, nokuba kungenyaniso, u‐Kristu uyashunyayelwa; nakuko oku ndiyavuya, ewe, ndoman’ ukuvuya kanjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ibe yini ke? Noko kunjalo, ngeendlela zonke, nokuba kungokunyhwalaza, nokuba kungenyaniso, kwaziswa uKristu.Ndiyavuya kuko oko, ndaye ndisaya kuvuya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuthiweni na ngoko? Noko kunjalo, ngeendlela zonke, nokuba kungokunyhwalaza, nokuba kungenyaniso, kwaziswa uKristu. Ndiyavuya kuko oko, ndaye ndisaya kuvuya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akukhathaliseki! Nokuba bamshumayela ngomoya ombi okanye benyanisekile, oko nje eshunyayelwa uKrestu, ndiyavuya mna, ndaye ke ndisaya kuvuya.